Simphiwe Dana- Iifestile zegolide Lyrics

Simphiwe Dana- Iifestile zegolide Lyrics

verse1:
Kwakukho
Ibali lomfana owaye…
Jonge Ngaphaya
Kwaphuma
Ilanga wasinga entshonalanga
Wakhuz’ akufika ebona ilang’ e…
Festileni
Nantso igolide
Isemehlweni akho
Wen’ uyigolide
Hay’ ubuhle bakho
Hay…
Themba wena
chorus:
Bonke baxhentsa ngamandla
Awaphekwa iminyaka
Wen’ uth’ uzokwenza njani
Xa udela awakho
Minyaka yengcinezelo
Yasithathela Amandla
Yasithathela uBuntu
Sadelela ihambo
Hay…
Sayidela ihambo
verse2:
Phupha lam
Kuba nonke nibone ngamehlo am
Ndibon’ amazulu kuye
Wazalwa wahlala ezandleni zalowo wamdalayo
Aniboni na
Wathunywa
Wafunjathiswa ubukhulu boLuntu lwakhe
Zenimfundiseni
Ubukhulu bakhe
Zenimmameleni
Waz’ indlela yakhe
Uyayaz’ indlela yakhe
(chorus)
Tagged

You cannot copy content of this page