Hymn: Gcobani kuyehova mhlaba wonke Lyrics

Hymn: Gcobani kuyehova mhlaba wonke Lyrics

Hymn Lyrics For Gcobani kuyehova mhlaba wonke

Gcobani kuYehova, mhlaba wonke!:
khonzani uYehova ngomcobo,
nize ebusweni bakhe ngeendumiso zovuyo.

Yazini ukuba uYehova unguThixo:
nguye osidalileyo asisithi, thina bantu bakhe, neegusha zedlelo lakhe.
Ngenani emasangweni akhe ngokubulela,

nasemakhusini akhe ngendumiso:
yibani nokubulela kuye,
nidumise igama lakhe.

Ngokuba elungile uYehova,
ububele bakhe bungunaphakade:
nenyaniso yakhe ihleli kwizizubulwana ngezizukulwana.

Udumiso ma lube kho kuye uYise,
nakuye uNyana nakuye uMoya oyiNgcwele:
Nje ngokuba kube kunjalo kwa sekuqalekeni,
Kunjalo kaloku nje, kuya kumana kuba njalo,
kude kube ngunaphakade.
Amen.

Ndiya kholwa kuThixo uYise onamandla onke,
umdali wezulu nomhlaba.
Naku Yesu Kristu,
uNyana wakhe emnye, inKosi yethu;
owakhawula ngoMoya oyiNgcwele;
Wazalwa yintombi uMariya weva ubunzima phantsi koPontyusi Pilati;
Wabethelelwa emnqamlezweni, wafa wanchwatywa;
Wehlela whadesi;
uthe ngomhla wesithathu wabuya wavuka ekufeni:
wenyuka waya ezulwini;
Apho ahleli khona ngasekunene
koThixo, uYise onamandla onke,
Woda avele khona aze kugweba abahleliyo nabafileyo.

Ndiya kholwa kuMoya oyiNgcwele;
Nayi ghamente engcwele ekulo lonke ilizwe:
Nabudlelane babangcwele;
Nakukuxolelwa

kwezoono;
Nakukuvuka komzimba ekufeni;
Nabubomi obungunaphakade.
Amen

You cannot copy content of this page