Zahara-Inameva lyrics

Zahara-Inameva lyrics

Inameva lyrics – Zahara

[chorus]
Inameva, iyahlaba. Ndincede
Inameva, iyahlaba
Ndizoguqa ndithandaze
Inameva, iyahlaba. Ndincede
Inameva, iyahlaba

Nokuba le ndlel’ imxinwa
Likhon’ ithuba lam
Lokuthubeleza ndizofika
Ubom bethu bahlukile
Kodwa ikhon’ indawo esidibana kuyo

[chorus]

Val’ amehlo akho
Ujonge ngentliziyo yakho
Siyafana, sifun’ intw’ enye
Sifun’ ukuphila
Zungandivaleli ithuba lam
Nelakho liyeza
kukh’ induli eluhlaza engabiyelwanga

[chorus]

Mna ndimthembile
UMdali wezulu nomhlaba
Ngoba wasinika ubukhosi
Mna ndimthembile
UMdali wezulu nomhlaba
Ngoba zonk’ impendulo zikuye

[chorus x4]

[outro]
Ndizoguqa ndithandaze x4
Inameva iyahlaba

Tagged

You cannot copy content of this page