The Soil Iinkomo Lyrics

The Soil Iinkomo Lyrics

Lyrics to  Iinkomo By The Soil

Nazi iinkomo ebuhlanti
Kuvume nabaphantsi
Besithi eyi sani
Kutheni ungekamthathi
Ndathi yonk’int’irighti

Yena ungowami
Kodwa kukhona ingxaki
utata’khe akandifuni
ndisahleli phantsi komthi
Yadlula yona leyontokazi
Ndiyaqonda ibiyokha amanzi

Phaya ezantsi e mlanjeni
Ndaphakama mna ndayilandela
Njengo clever wase
Rhawutini ndasondela
Molo sana ndicela ukuhamba nawe

Elothutyana ndivumele ndithethe nawe
Ndiyi Ntsika yekhaya ikhaya lakwa Ngxanga
Ndiyi nkosi lonto ikwenza inkosazana yam
Bamb’isandla sam sthandwa sam

Uzakuba ngumama wabantwana bam
Ndiyazibuza umhle kangaka
Ukhetha mna amadoda engaka
Ndizakubiza utata wam nawe ubize utata wakho
Bahlale phantsi bobabini babonisane

Samza ndiyoyika ndoyika umama no tata
Umama uzakundikrwitsha utata uzakundibetha athi ndiyajola
Ntsika ndiyoyika umama uzakundibetha
Hayi andikaze mna ndiyibone
intombazane entle nje ngawe
Please ntombazane uzundimamele
Nditheth’inyani sthandwa
undi charmile
Ebusuku sthandwa sam mna ndibonisiwe
Mna nawe baby sesitshatile
Please ntombazane
uzundimamele / Nditheth’inyani sthandwa ndikuthandile.

You cannot copy content of this page